




Nanga amanye amawakawaka amangenelo esiwafumene kolu
khuphiswano olunomdla. Ukuba akukalithumeli ingene!o lakho, khawuleza. Ixesha  lisekho ukhuphiswano ngoAgasti 31, 1997. Khumbula, ngenelo ngalinye malithunyelwe nesisongelo seLEMON LITE nefoto yakho evelisa intloko namagxa, usibhalele incwadi emfutshane
usixelela ngezifundo othanda ukuzifunda.





Funda uluhlu lwezifundo ezifumaneka kwaDamelin.
Qinisekisa ukuba uwaphumelele amabanga afaneleyo xa uza kuqhubeka nesifundo osikhethileyo.
Gqibezela ifomu yokungenela.
Sibhalele incwadana usixelele kungani ucinga ukuba ungophumeleleyo, zeziphi izifundo onganqwenela ukuzenza, nozimisele ukukwenza wakuziphumelela.
Sithumelele ifoto entsha eveza amagxa nentloko, ifomu yokungenela neleta, kunye nebhokisi engenanto yeLemon Lite okanye uzizobele efana ncam nayo.
Amanenekazi angama-25 Aqaqambileyo Esihlweleni aya kuzuza izifundo azikhethele zona ezixabisa i-R2 500 sisinye
Abali-10 abafikelele kumanqam baya kuntingiselwa ngabakwaSAA baye ejohannesburg bahlale kwihotele ephambili, abakwaBergers babanxibise impahla yangokuhlwa.
Oyena ubalaseleyo uya kufumana itshekhi ye-R3 000 kwaLemon Lite Vanishing Cream, antingiselwe ngabakwaSAA apho athanda ukuya khona eMzantsi Afrika, afumane neempahla azithandayo kwaBergers.
Abalishumi abafikelele kumanqam baya kubuzwa imibuzo ngabagwebi.
Inqwelo-moya, indawo yokuhlala, ukulungiswa kobuso, netheko sisipho sakwaLemon Lite, ivanishing Cream Ewaqaphelayo Amanenekazi Aqaqambileyo Esihlweleni.



Ulusu lwakho yenye yezinto
ezibalulekileyo emzimbeni wakho.
Lukhusela umzimba wakho elangeni, emoyeni, ebushushwini, ukugruzuka, engqeleni nasezifweni.
Lilonke kubalulekile ukunonophela ulusu lwakho ukusuka entloko ukuya ezinyaweni, ingakumbi ebusweni kuba ulusu lobuso lubuthathaka yaye bubo obuveza iimpawu zokuhamba kweminyaka ngaphambi kwezinye iindawo emzimbeni.
Unonophelo olululo lolusu kufuneka lubandakanye ukucoca ubuso nentamo kabini ngosuku nokusebenzisa isithambisi. Kubalulekile ukusebenzisa iimveliso ezilungiselelwe ulusu lwakho, kungenjalo ungalonakalisa.
ILEMON LITE Vanishing Cream ilungiselelwe ngokukodwa iimfuno zolusu lwakho, ithothisa ukunyinyitheka, ilushiya ulusu lwakho lusempilweni, luluhle. Iyalufumisa, ilushiya Lubukeka lunobuhle bemvelo.
Ukusebenzisa ILEMON LITE VANISI-IING CREAM ebusweni nasentanyeni yakho kusasa nasemini kuya kukushiya unolusu oluthambileyo nebala elihle elicacileyo elinik'umdla
UTASNEEM HAJEE liqobokazana eline-17 leminyaka elingathanda ukuba nabahlobo naphi na. Uthanda ukudlala nabahlobo. Khanifake ifoto yamva nje kwileta zenu. idilesi yakhe ithi P0 Box 2221, Dar es Salaam, Tanzania, East AFrica.

USAJDAH ATHUMANI
Liqobokazana elinama-20 eminyaka elingathanda ukuba nabahlobo naphi na abaneminyaka ephakathi kwe-15 nama-30, Uthanda ukufunda iincwadi, abahlobo, ukuphulaphula umculo nemidlalo. Khanimbhalele nize nifake ifoto kwincwadi yenu. Idilesi yakhe ithi P.O Box 68,
T.T.C.Ukrewe lsland, Nausio, Mwanza, Tanzania, East Africa.


UJANIE MESHACK unama-23 eminyaka, eliqobokazana elingathanda ukubhalelwa nguye nabani na oneminyaka ephakathi kwe-18 nama-35. Uthanda ukufunda iincwadi, ukubukela ezemidlalo
nokudibana nabahlobo abatsha. Khanifake ifoto kwincwadi zenu. idilesi yakhe ithi P.O. Box 837, Dar es Salaam, Tanzania, East Africa.

UNANDA HASSAN Linenekazi
elinama-20 eminyaka elingathanda ukuba nabahlobo abaneminyaka ephakathi kwe-15 nama-35. Uthanda ukuphulaphula umculo, ukufunda nokubukela ezemidlalo. Khanincede nifake ifoto kwiileta zenu. idilesi yakhe ithi P.O. Box 20884, dar es Salaam, Tanzania, East Africa.


UNELSON LITCHOWA
lityendyana elinama-20 eminyaka elingathanda ukuba nabahlobo abaneminyaka ephakathi kwe-18 nama-25. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo. ukufunda, ukubukela iividiyo nokuphulaphula umculo wereggae nowecountry nowasentshona.
Khanimbhalele ngesiNgesi okanye isiChichewa. Idilesi
yakhe ithi Mr Litchowa, P.O. Box 2050, Blantyre, Malawi.



UCORUTEX NSAMPAMAME NZMA ungumfo onama-28 eminyaka ongathanda ukubhalelwa nguye nabani na. Uthanda ukubhala amabali eepolitiki, ukufunda iincwadi zamabali, ukukhenketha, ukubukela iTV nokubaleka. idilesi yakhe ithi The University of Malawi, Centre for Language Studies, Box 108, Zomba, Malawi.



UELIZABETH MWALE JOHANE
uliqobokazana elineminyaka eli-1 elingathanda ukubhalelwa ngabaneminyaka ephakathi kwe-17 nama-24. Uthanda ukudlala ibasketball, ukuphulaphula umculo, nokufunda nokuya ecaweni. Khanimbhalele ngesiNgesi okanye isiTswana. idilesi yakhe ithi: Masunga High School, Post Bag 0012, Masunga, Botswana.

UKANYI BOl NDI unama-20
eminyaka uneshishini elisakhasayo elichumayo.
UKanyi angathanda ukubhalelwa ngabantu abanemicamango efana neyakhe. UKanyi mbhaleleni ngesiNgesi, isiZulu okanye isiSuthu. idilesi yakhe ithi: 1883 Mapetsa Extension, P.O Tshiawelo, 1818.


UMXHOLISI MICHAEL NTOMBANA lityendyana elililolo elinama-32 eminyaka elingathanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-17 nama-28, Uthanda ukukhanda iimoto, ukukhenketha, ukubukela ezemidlalo, ukuphulaphula umculo, ukubukela iifilim, ukufunda, ukubhala nokuphisa ngezipho nokuya ecaweni. Khanimbhalele ngesixhosa. isiNgesi okanye isiZulu nize nifake iifoto zamvanje kwiileta zenu. idilesi yakhe ithi 96578908, Correctional Services, Private Bag X2, Patensie,

INOBUNONO,
IYAMANGALISA
IGentle Magic yicream yokunonophela ulusu, ayibukhali, inokusetyenziswa lusapho Lulonke ngaphandle kwexhala.
Iimveliso zeGentle Magic zineevithamin neph balance. Zicoca, zondla zize zifumise ulusu zilushiya luthambe okwesilika kungekho ukuba ncangathi kwamafutha. izithako ezikhethiweyo zikhusela ulusu kwizifo zikwanesikhuseli-langa esongeziweyo esiyi-factor of 16.
Xa ukhathalela ulusu lwakho, sebenzisa iGentle Magic ... uza kukuva ukuthamba.
IGentle Magic ... yicream enobunono nesebenza ngokumanga lisayo. Iyafumaneka kwiikhemisti neevenkile ezithengisa izithambiso.
r18 BONA XHOSA - September 1997

	

